18. Ngenene ke indoda nganye kubo yathatha umcephe womlilo, yawufaka amalahle nesiqhumiso, yema esangweni lesibingelelo kunye noMosis noAron.
19. Ke kaloku uKora wabaqokelela bonke abangakuye, bema bajonga kuMosis noAron esangweni lesibingelelo. Kuthe kusenjalo suka kwavela ubuqaqawuli bukaNdikhoyo kumaSirayeli ephela,
20. waza ke uNdikhoyo wabhekisa kuMosis noAron, wathi:
21. “Khwelelani kwaba bantu. Ndiza kubatshabalalisa ngephanyazo!”
22. Kambe ke uMosis noAron bakhahlela, bawa ngamadolo, badanduluka bathi: “Awu, Thixo, wena mthombo wobomi, kaloku kone umntu wamnye qha, ungathini ke ukusuka ulwe namaSirayeli ephela?”
23. UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba
24. athi kumaSirayeli: “Khwelelani kwimizi yooKora noDatan noAbhiram.”
25. Ke kaloku uMosis wahamba waya kuDatan noAbhiram elandelwa ziinkokheli zamaSirayeli.
26. Wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Khwelelani kwimizi yala madoda akhohlakeleyo, ningakhe nichukumise nento le yawo, hleze nani nitshayelwe kunye nawo ngenxa yezono zawo.”