3-15. UMosis wenza ngokwelo lizwi likaNdikhoyo, waza khona apho kwintlango yaseParan wazikhetha ngolu hlobo iinkokheli: Indlu Inkokheli KwaRubhen uShamuwa kaZakure KwaSimon uShafati kaHori KwaJuda uKalebhi kaJefune KwaIsakare uIgali kaJosefu KwaEfrayim uHosheya kaNune KwaBhenjamin uPalti kaRafu KwaZebhulon uGadiyeli kaSodi KwaManase uGadi kaSusi KwaDan uAmiyeli kaGemali Kwa-Ashere uSeture kaMikayeli KwaNafetali uNabhi kaVofesi KwaGadi uGeweli kaMaki
28. Kambe ke abantu balo ziingwanyalala, zaye ke nezixeko zabo zikhulu zinqatyisiwe. Ngaphezu koko ke nenzala ka-Anaki siyibone ngamehlo.
29. Ama-Amaleki wona emi eMazantsi; aze amaHiti, amaJebhusi, nama-Amori wona abe phaya kweleentaba; kanti ke wona amaKanana athe qwelele phaya ngaselwandle nakummandla womlambo iJordan.”
30. Kwesi sithuba ke uKalebhi wasuka wababeth' emlonyeni abo babenika ingxelo kuMosis, wathi: “Mawethu, kuf' ayayo! Masinyuke ngoku siye kulihlasela elaa lizwe. Sinako ukubaswantsulisa abaya bantu.”
31. Kambe ke oogxa bakhe baphikelele bathi: “Ayikho indlela yokubahlasela, kuba ziingwanyalala kunathi.”
32. Ngoko ke lo moya wabo bawuhlwayela apho kumaSirayeli ngemeko yelo lizwe babevela kulo. Bade bathi: “Elo lizwe linengozi; kuyatshatyalalwa apho. Abantu bakhona baziingxilimbela;
33. siyibonile nenzala ka-Anaki. Ngokubona kwethu, thina sinjengeentethe kubantu belo lizwe; makube kukwanjalo nasekuboneni kwabo.”