18. Maze nilijonge ukuba uluhlobo luni na umhlaba walo; bungakanani na ubuninzi babantu balo; ngaba ngamakroti okanye amagwala?
19. Ze niqondisise ukuba lilizwe elinjani na: lihle na noba hayi? Khona abantu balo balime kanjani: ziidolophu eziphangaleleyo, okanye zizixeko ezikhuselweyo?
20. Ze nilijonge ukuba ngaba lelendyebo, indlala, sini na; niqondisise noba ngaba linemithi na. Ze nibuye niphethe iziqhamo zakhona.” Ixesha lonyaka ezahamba ngalo yayilelokuvuthwa kweediliya.
21. Loo madoda ke aphuma enyuka alijonga eqalela kwintlango iZin, aya kuqhina ngeRehobhi kwinkalo yeHamati.
22. Angena eMazantsi aya kufika eHebron, apho kwakumi ama-Ahiman, namaSheshayi, namaTalmayi omlibo ka-Anaki. (IHebron le ke yayakhiwe kwiminyaka esixhenxe phambi kokwakhiwa kweZowan yaseJiputa.)