5. Kaloku obenu ubomi apha emhlabeni bubunewu-newu nobumnandi. Ewe, nizondle natyeba, kanti nizilungiselela umhla womgwebo.
6. Nimgwebile nambulala umntu ongenatyala. Kanti noko akaxhathisi.
7. Mawethu, yibani nomonde ide ifike iNkosi. Thathani umzekelo kumlimi: yena usilinda ngomonde isivuno asixabisileyo somhlaba wakhe. Ewe, yena uzilinda ngomonde iimvula zasentlakohlaza ngokunjalo nezasekwindla.
8. Ngoko ke nani yibani nomonde, ningatyhafi; kaloku iMini yokufika kweNkosi ikufuphi.
9. Mawethu, musani ukukhalazelana ukuze ningagwetywa nguThixo. Ngenene yena uMgwebi usemnyango.
10. Nanku ke umzekelo, mawethu: ndixela *abashumayeli bamandulo, abo babethetha egameni leNkosi. Bona mababe ngumzekelo wenu wokunyamezela ngomonde naxa kunzima.
11. Ewe, sithi banoyolo abo banyamezelayo. Seniyivile indlela awayenomonde ngayo uYobi; niyayazi indlela eyambuyekeza ngayo iNkosi. Kaloku iNkosi inenceba novelwano.
12. Ngaphezu koko ke, mawethu, musani ukufunga xa nisenza isithembiso; nditsho nangezulu, umhlaba, nangantoni na. Xa nivuma yithini: “Ewe,” nithi: “Hayi,” xa nisala, kube kuphela, ukuze ningabi sesichengeni sokugwetywa.
13. Ukuba kukho umntu osenkathazweni, makathandaze. Ukanti xa umntu evuya, makahlabele ingoma adumise.
14. Xa umntu egula, makabize amadoda amakhulu ebandla; wona aya kumthandazela, amthambise ngeoyile egameni leNkosi.
15. Lo mthandazo uphuma elukholweni uya kumnyanga umntu ogulayo, iNkosi imbuyisele empilweni, zithi nezono azenzileyo zixolelwe.