12. Intetho yenu nezenzo zenu mazibe zezabantu abalindele ukugwetywa kwangulo mthetho usikhululayo.
13. Kaloku akayi kuba nanceba uThixo xa agweba umntu ongabanga nanceba. Kodwa yona inceba iyasongamela isigwebo.
14. Mawethu, kunceda ntoni ukuba athi umntu unokholo, zibe zona izenzo zakhe zingayingqini loo nto? Lunganceda ntoni olo kholo?
15. Nanku umwethu, nanku nodade: bobabini bayadlakazela, bayalamba.
16. Kunceda ntoni ukubasizela, nokubacebisa ngento yokwambatha nangokutya, ube ungenzi nto konke ngale meko yabo?
17. Lunjalo ke ukholo olungaqhubeli mntu kwenzeni nto; luyinto nje efileyo.
18. Ewe, ningatsho ukuthi omnye umntu unako ukuba nokholo, kanti nomnye unako ukwenza imisebenzi ethile. Kodwa ke mna ndithi ukuphendula: Khawundibonise ukuba ngaba lufezekile na olo kholo wena uthetha ngalo lungenamisebenzi lubonakala ngayo. Mna ndokubonisa ngemisebenzi ukholo endinalo.