Amava Engqondi 7:5-13 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kulungile ukuva ukukhalinyelwa sisilumkokunokuphulaphula ukombelelwa sisityhakala.

6. Ukuhleka kwesityhakala kufana nqwa nokunqanqaza komlilo wameva phantsi kwembiza.Nale ke into ngamampunge!

7. Isilumko esiphantsi kwezoyikiso silahlekelwa ziingqondo;umntu onyotywayo wonakala ingqiqo.

8. Isiphelo somcimbi sibhetele kunesiqalo sawo.Umonde ungcono kunekratshi.

9. Musa ukukhawuleza ucaphuke ngaphakathi kwakho;kaloku umsindo yinto yezityhakala.

10. Musa ukuthi: “Bekungani ukuba imihla yamandulo ibe ngcono kunale yangoku?”Kaloku ayibubo ubulumko ukubuza umbuzo onjalo.

11. Ubulumko nqwa nelifa ngokulunga;bululutho kubo bonke abaphilayo;

12. umntu bumenza akhuseleke njengokuba nemali isenjenjalo.Ewe, naku ukubalasela kolwazi: ubulumko buyabukhusela ubomi balowo unabo.

13. Khawucamngce ngemisebenzi kaThixo:Ngubani ongayolulayo into ayenze goso?

Amava Engqondi 7