26. Ndifumanise ukuba eyona nto ikrakra nangaphezu kokufa ngumfazi oliqili,ontliziyo inezabatha, ongalo zifana namakhamandela.Ke yona indoda ekholisa uThixo iyasinda kuye,kodwa ke yona engumoni uyayibambisa.
27. “Khangel' apha,” itsho iNgqondi,“nantsi into endiyibhaqileyo:Ndakudibanisa enye nenye ukuze ndicacelwe zizinto –
28. lo gama umoya wam wawusaphengulula ndingekafumani nto –ndibhaqe indoda yanye kwiwaka ethe ngqo,kodwa yena umfazi onjalo andimfumananga phakathi kwabo bonke.