3. Umntu noba anganekhulu labantwana, aphile imihla emininzi, phofu angabuxhamli ubumnandi bobomi, angènzelwa umngcwabo onguwo, mna ndithi akunani kwaumntwana ovele engasekho kunaye.
4. Kaloku ukuzalwa akumphathelanga nto loo mntwana, usuke aduke ebumnyameni, negama lakhe ligutyungelwe bubumnyama.
5. Nakuba lo mntwana engazange walibona ilanga, futhi engazange wazi nto, kodwa ke yena ukufumene ukuphumla kunaloo mntu.