13. Apha phantsi kwelanga ndibone ububi obungcungcuthekisayo:umntu angaziqwebela ubutyebi, busuke benzakalise kwayena mnikazi wabo!
14. Omnye ke ufumba ubutyebi, alahlekelwe bubo ngenxa yentlekele,ze ke unyana ozelwe nguye angabi nanto ezandleni.
15. Mhla wavela umntu uzalwa ngunina ezé;mhla andulukayo uhamba kwangolo hlobo eze ngalo.Kuko konke ukubulaleka kwakhe umntu apha emhlabeniumka engaphathanga nto ngesandla sakhe.
16. Ewe ngenene, ibuhlungu le meko!Umntu umka eyiloo nto ebefike eyiyo.Kumncede ntoni ke ukusebenzela ilize?
17. Kananjalo imihla yobomi bakhe yonke uyidlela ebumnyameni,egutyungelwa ziinkathazo neenzingo nomsindo.