Amava Engqondi 12:6-14 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ewe kaloku, umxokelelwana wesiliva uya kushunquka,nesibane segolide siwe saphuke;ukanti ke nentambo phaya equleni iya kuqhawuka,nomphanda utsho ukroboke.

7. Ke lona uthuli lwethu luya kubuyela emhlabeni, apho lwaluvele khona kakade,umoya ubuyele kuThixo njengoko wawuvela kuye.

8. Ewe, itsho iNgqondi ukuthi: “Ngamampunge akwampunge! Yonke into ngamampunge!”

9. Ke yona iNgqondi le ayibugcinanga nje ubulumko bayo, koko yathi rhoqo ukubaphakela abantu kubo. Yazikisa ukucinga, yenza uphando, yayila izafobe ezininzi.

10. INgqondi yazimisela ukufumana awona mazwi achanekileyo, inyaniso iyidandalazise njengoko injalo.

11. Amazwi ezilumko abukhali oku kwentonga enodalo, kanti ke yona ingqokelela yezafobe itshona lè oku kwesikhonkwane. Zizonke nje zivela kuThixo onguyena Malusi wethu sonke.

12. Ngaphezu koko, lutsha, nasi isilumkiso: Ukubhala iincwadi ezininzi yinto engaphele ndawo, kanti ke nokusoloko ufunda kuyawuqoba umzimba.

13. Ngoko ke ngoku nasi isishwankathelo salo mbandela: Mhlonele uThixo, uyithobele imimiselo yakhe, kuba oko luxanduva lomntu ngamnye.

14. Kaloku uThixo usaza kusimisa enkundleni ngenxa yazo zonke izinto esizenzayo, ngokunjalo nezo zifihlakeleyo, nokuba zilungile, nokuba zimbi.

Amava Engqondi 12