2 Yookumkani 7:18-20 Ibhayibhile (XHO96)

18. Kwenzeke kanye ngokokuthetha komfo wakwaThixo xa wayethetha nokumkani esithi: “Malunga neli xesha ngomso esangweni leSamariya iikhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa noba ziikhilogram ezintandathu zerhasi zothengiswa ngesiliva enye kuphela.”

19. Iphakathi elo ke lalithe apho kuloo mfo wakwaThixo: “Noba uNdikhoyo ebengade enze iifestile ezulwini ibingenakuze yenzeke into enjalo.” Umfo wakwaThixo yena wayethe: “Le nto ndiyithethayo ke uya kuyibona ngala wakho amehlo, kambe ke kona ukutya soze ukufake kuloo mlomo wakho.”

20. Loo nto ke yile kanye yalihlelayo elo phakathi; kaloku abantu balinyhasha ngeenyawo esangweni apho lada lafa.

2 Yookumkani 7