2 Yookumkani 6:4-6 Ibhayibhile (XHO96)

4. Waza wahamba nabo. Baya ke eJordan, baza bagawula imithi khona.

5. Omnye wabo uthe esagawula umthi, suka lapoqa izembe lakhe, le ndawo iyintsimbi yatshona emanzini. Wakhala watsho ebhekisa kuElisha: “Awu, ibingelilo nelam, belibolekiwe!”

6. Wabuza wathi umfo wakwaThixo: “Liwe phi?” Akuba ebonisiwe ke uElisha wagawula ukhuni, waza waluphosa kuloo ndawo lalitshone kuyo izembe. Ke izembe elo latsho lavela ladada.

2 Yookumkani 6