2 Yookumkani 4:6-9 Ibhayibhile (XHO96)

6. Zithe ke zakuzala zonke, wabhekisa kunyana wakhe wathi: “Yiza nenye kwakhona.”Kodwa ke yena wathi: “Ziphelile; akukho yimbi eseleyo.” Namafutha ke atsho aphela.

7. Wahamba ke waya kuxelela umfo wakwaThixo owathi kuye: “Hamba uye kuthengisa loo mafutha, uhlawule amatyala akho. Aseleyo ke nophila ngawo, wena noonyana bakho.”

8. Ngenye imini uElisha waya eShunem. Khona apho kwakukho mfazi uthile usisityebi owamcelayo ukuba angene endlwini yakhe afumane into etyiwayo. Ebesithi ke, xa adlulayo, aphambukele khona ukuba afumane into etyiwayo.

9. Lo mfazi ke wathetha nendoda yakhe wathi: “Ndiyaqonda ukuba lo mfo umana engena apha ngumntu okhethekileyo wakwaThixo.

2 Yookumkani 4