27. Ke kaloku kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anesixhenxe wathinjwayo uJoyakin ukumkani wakwaJuda, nyaka lowo waqala ngawo ukulawula uEvili-merodaki ukumkani waseBhabheli, wasuka wamkhulula uJoyakin entolongweni. Loo nto ke yenzeka ngomhla wamashumi mabini anesixhenxe kwinyanga yeshumi elinambini.
28. Wathetha naye ngobulali, wamnika isihlalo sembeko esingaphezu kwezo zabanye ookumkani awayenabo apho eBhabheli.
29. Ngoko ke uJoyakin wazikhulula iimpahla zasentolongweni, waza wasoloko esesithebeni sokumkani lonke ixesha lobomi bakhe.
30. Ukumkani lowo ke wathi rhoqo wamxhasa ngokutya uJoyakin, loo nto eyenza imihla ngemihla ngabo bonke ubomi bukaJoyakin.