2 Yookumkani 24:7-11 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ukumkani waseJiputa akaphindanga aphume elizweni lakhe aye kuhlasela, kuba kaloku ukumkani waseBhabheli wawuthatha wonke umhlaba wakhe ukuqalela kumda waseJiputa kuye kuthi xhaxhe ngomlambo iEfrati.

8. UJoyakin waqala ukulawula eneminyaka elishumi elinesibhozo, waza walawula eJerusalem iinyanga ezintathu. Unina yayinguNehushta intombi kaElinatan waseJerusalem.

9. WĂȘnza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengooyise.

10. Ngelo xesha ke iingqwayi-ngqwayi zomkhosi zikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli zahlasela iJerusalem zayingqinga,

11. waza ke nokumkani uNebhukadenezare weza ngokwakhe apho eJerusalem, ngoko ingqingiweyo ngumkhosi wakhe.

2 Yookumkani 24