2 Yookumkani 21:24-26 Ibhayibhile (XHO96)

24. Bona ke abantu belo zwe bababulala bonke abo babenzele ukumkani uAmon iyelenqe, baza babeka unyana wakhe uJosiya wangukumkani esikhundleni sakhe.

25. Ezinye ke iziganeko zolawulo luka-Amon, nemisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

26. Wangcwatyelwa engcwabeni lakhe emyezweni kaUza. Unyana wakhe uJosiya waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

2 Yookumkani 21