16. Waza ke uIsaya wathi kuHezekiya: “Nali ke ilizwi likaNdikhoyo:
17. ‘Ngenene liyeza ithuba apho yonke into elapha komkhulu nalo lonke ilifa elashiywa ngooyihlo ukuza kuthi gaa namhlanje liya kuthinjwa lifuduselwe eBhabheli.’ Ewe, uNdikhoyo uthi akukho nto iya kusala.
18. Abanye kubazukulwana besinqe sakho kanye baya kuthinjwa, baze benziwe amathenwa, babe zizicaka kwibhotwe lokumkani waseBhabheli.”
19. “Eli lizwi likaNdikhoyo ulithethayo lifanelekile,” uphendule watsho uHezekiya. Kaloku wayesithi: “Noko kuya kubakho inzolo nokhuseleko ngemihla yokudla kwam ubomi.”
20. Ke ezinye zeziganeko zikaHezekiya, nayo yonke imizabalazo yakhe esenza iqula netonela awatsala amanzi ngalo ewangenisa esixekweni, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.
21. UHezekiya ke waya kuphumla kooyise, waza ke unyana wakhe uManase wangukumkani esikhundleni sakhe.