2 Yookumkani 2:13-18 Ibhayibhile (XHO96)

13. Wawuchola ke loo mnweba wawuwe kuEliya, waza waya kuma elunxwemeni lomlambo iJordan.

14. Wawuthatha loo mnweba wawuwe kuEliya, wabetha ngawo amanzi, wathi: “Uphi ngoku uNdikhoyo uThixo kaEliya, yena kanye?” Uthe ke akuwabetha amanzi lawo, suka ahlukana kubini, asinga kweli cala nakweliya, waza ke wawela.

15. Ke kaloku bakumbona abashumayeli ababengaphesheya ngaseJeriko bathi: “Tyhini, nanko umoya kaEliya uhlala kuElisha.” Bamhlangabeza ke, baza bafika bakhahlela baguqa phambi kwakhe.

16. Bathi kuye: “Uyabona, thina zicaka zakho sinamashumi amahlanu amadoda angabikwa hlaba. Makahambe aye kukhangela inkosi yakho, hleze kuthi kanti uMoya kaNdikhoyo lo uyithathe wayibeka ntabeni ithile, okanye ke ntilini ithile.”UElisha wathi: “Hayi, musani ukuwathuma.”

17. Kambe ke abo bashumayeli baphikelela ukuyithetha le nto, wada ke naye waneentloni ukubalela, wathi: “Wathumeni.” Bawathuma ke loo madoda angamashumi amahlanu, aza ke amfuna iintsuku zada zantathu, kodwa akamfumana.

18. Athe ke akubuya engamfumananga, eza kuElisha owayehlala eJeriko, waza ke yena wathi kuwo: “Bendingatshongo na ukuba sanukuya?”

2 Yookumkani 2