2 Yookumkani 17:30-35 Ibhayibhile (XHO96)

30. Ababevela eBhabheli bazenzela uSukoti-bhenoti, ababevela eKuta bazenzela uNergale, ababevela eHamati bazenzela uAshima,

31. ama-Avi wona azenzela uNibhasi noTartake; ke wona amaSefarvayim ayefaka abantwana bawo emlilweni, esenzela oothixo bawo uAdrameleki noAnameleki amadini.

32. Babemnqula yena uNdikhoyo, kodwa kananjalo bamisela abantu babo ukuze babe ngababingeleli kwiindawo zonqulo eziphakamileyo.

33. Bamnqula uNdikhoyo, kodwa ngokunjalo babanqula noothixo babo, ngokwamasiko ezo ntlanga babephuma kuzo.

34. Unanamhla abakalumleki kuloo mikhwa yabo yemveli. UNdikhoyo abamnquli nokumnqula, bengabambeleli nakwizimiso nemiyalelo, imithetho nemiqathango, uNdikhoyo awayinikela isizukulwana sikaYakobi, lowo wambiza ngokuba nguSirayeli.

35. Ngokuya uNdikhoyo wayesenza umnqophiso namaSirayeli wayalela wathi: “Ze ningabanquli abanye oothixo; ze ningaguqi nibakhahlele, ningabakhonzi, ningabenzeli namadini.

2 Yookumkani 17