12. UJuda ke wavuthululwa nguSirayeli, yaza ke yayileyo indoda yabalekela kowayo.
13. UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmaziya ukumkani wakwaJuda unyana kaYowashe, ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe. UYehowashe waya eJerusalem, waza waludiliza udonga lwayo ukusukela kwiSango lakwaEfrayim, ukuya kwiSango leKona, umgama okwisithuba seemitha ezimakhulu mabini.
14. Wayithatha yonke igolide nesiliva, nayo yonke impahla awayifumanayo endlwini kaNdikhoyo nakoovimba basebhotwe. Wemka nabathinjwa, wabuyela nabo eSamariya.
15. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaYehowashe, imisebenzi nemizabalazo yakhe ndawonye nemfazwe yakhe noAmaziya ukumkani wakwaJuda, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
16. UYehowashe waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa eSamariya phakathi kookumkani bakwaSirayeli. UJerobhowam unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.
17. Ke uAmaziya unyana kaYowashe ukumkani wakwaJuda wahlala iminyaka elishumi elinesihlanu emva kokufa kukaYehowashe unyana kaYowahazi ukumkani wakwaSirayeli.
18. Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Amaziya, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.
19. Bamenzela iyelenqe eJerusalem, waza wabalekela eLakishe, kodwa bamsukela, bamfumana eLakishe, bambulala khona.
20. Wabuyiswa ngehashe, waza wangcwatyelwa eJerusalem phakathi kooyise kwisixeko sikaDavide.
21. Ke amaJuda xa ewonke athatha uAzariya, ambeka wangukumkani esikhundleni sikayise uAmaziya. UAzariya lo ke wayeneminyaka elishumi elinesithandathu ezelwe.