2 Yookumkani 1:5-9 Ibhayibhile (XHO96)

5. Bakubuya ke abathunywa abo, wabuza wathi ukumkani: “Ngani ukuba nijike?”

6. Baphendula ke bona bathi: “Sidibene nomfo othile, wathi masibuyele kuwe, kumkani, sikuxelele sithi: ‘UNdikhoyo uthi: Ngaba kungenxa yokuba kungekho Thixo kwaSirayeli, le nto uhamba uye kubuzisa kuBhali-zabhubhe isithixo sase-Ekron?’ Ewe, uthi: ‘Akusayi kuvuka kuloo mandlalo ulele kuwo; uza kufa.’ ”

7. Ukumkani wathi: “Yayingumfo oluhlobo luni na lowo nidibene naye waza wathetha loo mazwi kuni?”

8. Abathunywa bathi: “Ibingumfo onomnweba owenziwe ngesikhumba esinoboya, ebhinqe ngethwathwa esinqeni.”Ukumkani wathi: “NguEliya waseTishbhi lowo.”

9. Ngoko ke wathumela apho kuEliya igosa lomkhosi, likunye namadoda alo angamashumi amahlanu. Elo gosa ke laya kuEliya, ehleli encotsheni yenduli, lafika lathi kuye: “Mfo wakwaThixo, ukumkani uthi: ‘Yihla.’ ”

2 Yookumkani 1