9. Waza ke wenza nenkundla yababingeleli, kunye nenkundla enkulu, neengcango zenkundla. Zona wazityabeka ngobhedu.
10. Ichibi elo walibeka kumazantsi-mpuma endlu kaThixo.
11. Kananjalo wenza iimbiza, iifotsholo, nezitya zokufefa.Ngoko ke uHuram wawugqiba umsebezi awayewenzela ukumkani uSolomon endlwini kaThixo:
12. Yayiziintsika ezimbini;iintloko ezimbini ezibusitya zezo ntsika;amatyathanga alukiweyo amabini ahombise ezo ntloko zimbini zezo ntsika;
13. iirharnati ezimakhulu mane ziyimiqolo emibini ethe nca kwityathanga ngalinye elilukiweyo elihombise ezo ntloko zibusitya zeentsika ezo;
14. izixhaso nezitya zazo;
15. ichibi lobhedu lineenkunzi zeenkomo ezilishumi elinambini ezenziwe ngobhedu ezilixhasayo;
16. iimbiza, iifotsholo, iifolokhwe zenyama, nezinye izixhobo ezikolo didi.Zonke ke ezo zixhobo ezazenziwe nguHuram-abhi, ezenzela ukumkani uSolomon ukuze zisetyenziswe endlwini kaNdikhoyo, zazenziwe ngobhedu olugudisiweyo.