8. UHezekiya enamaphakathi akhe wathi akuzibona ezo ngqumba wamdumisa uNdikhoyo, wabathamsanqelisa abantu bakhe amaSirayeli.
9. UHezekiya wathetha nababingeleli nabaLevi ngezo ngqumba,
10. waza ke umbingeleli omkhulu, uAzariya wendlu kaZadoki wathi: “Oko abantu baqalayo ukuzisa imirhumo yabo endlwini kaNdikhoyo, sitsho sanokutya okwaneleyo kude kubekho nentsalela, kuba uNdikhoyo ubathamsanqele abantu bakhe – ewe, le ntaphane ingaka ngamasalela.”