2 Yeziganeko 31:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Yakuba yonke le nto ifezekile, amaSirayeli awayelapho aphuma, aya kwiidolophu zakwaJuda, afika awaqhekeza amatye anqulwayo, azigawula iintsika zika-Ashera. Iindawo eziphakamileyo zonqulo azitshabalalisa, ngokunjalo namaqonga, kulo lonke elakwaJuda nakwaBhenjamin, kwaEfrayim nakwaManase. Akuba ezitshabalisile zonke ezo zinto, amaSirayeli onke agoduka aya ngeedolophu zawo emihlabeni yawo.

2. UHezekiya wamisela ababingeleli nabaLevi ngamaqela abo, iqela ngalinye ngokwemisebenzi yalo kubabingeleli nakubaLevi, ukuze banikele amadini atshiswayo nawobudlelwana, nokuze balungiselele, benze imibulelo, batsholoze ngeendumiso emasangweni endlu *kaNdikhoyo.

3. Ukumkani warhuma kwezakhe izinto, wanikela amadini atshiswayo akusasa nawamatshona, kwakunye namadini atshiswayo *eMihla yokuPhumla, awokuthwasa kwenyanga, nawamatheko amisiweyo, njengoko kubhaliweyo emthethweni kaNdikhoyo.

4. Abantu abahlala eJerusalem wabayalela ukuba bakhuphe izabelo zababingeleli nabaLevi, ukuze bona bakwazi ukuzinikezela ngokupheleleyo emthethweni kaNdikhoyo.

2 Yeziganeko 31