35. Ayemaninzi amadini atshiswayo, ngokunjalo namanqatha edini lobudlelwana, nedini elithululwayo elalikhapha loo madini atshiswayo.Ngaloo ndlela ke kwabuyiselwa ukusetyenziswa kwendlu kaNdikhoyo.
36. UHezekiya nabantu bephela yabonwabisa into awabenzela yona uThixo, kuba yonke yenzeka ngokukhawuleza.