2 Yeziganeko 27:3-6 Ibhayibhile (XHO96)

3. UYotam wabuya walakha iSango laseNtla lendlu kaNdikhoyo, kananjalo wenza umsebenzi omkhulu eludongeni kwinduli yeOfeli.

4. Wakha iidolophu kwiinduli zelakwaJuda, ngokunjalo neenqaba neemboniselo kwimimandla yamahlathi.

5. UYotam walwa nabo ookumkani bama-Amon waboyisa. Ngaloo nyaka ke ama-Amon arhuma kuye isiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu namakhulu amane, newaka leetoni zengqolowa, kwakunye newaka leetoni zerhasi. Enjenjalo ukurhuma ke ama-Amon iminyaka yada yamithathu.

6. UYotam wakhula ngobungangamsha, kuba kaloku wayebambelele ngokupheleleyo kuNdikhoyo uThixo wakhe.

2 Yeziganeko 27