2 Yeziganeko 25:18-23 Ibhayibhile (XHO96)

18. Kambe ke uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waphendula uAmaziya ukumkani wakwaJuda wathi: “Umthana wameva waseLebhanon wathumela udaba kumsedare waseLebhanon usithi: ‘Yendisela intombi yakho kunyana wam!’ Kusenjalo kwavela irhamncwa apho eLebhanon, laza lawunyhasha ngeenyawo loo mthana wameva.

19. Ngenxa yokuba usithi uwoyisile amaEdom, ngoku ukhukhumele unekratshi. Kambe ke mna ndithi: ‘Hlal' ekhaya! Ngani ukuba uziqhwayele inkathazo eya kukukhahlela phantsi wena ndawonye noJuda?’ ”

20. Kambe ke uAmaziya zange aphulaphule, kuba kaloku uThixo wayeselezimisele ukumnikezela kuYehowashe, kuba esuke wathembela kwizithixo zamaEdom.

21. Ngoko ke uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wamhlasela. Yena noAmaziya ukumkani wakwaJuda baqubisana eBhete-shemeshe kwelakwaJuda.

22. UJuda ke wavuthululwa nguSirayeli, yaza ke yayileyo indoda yabalekela kowayo.

23. UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmaziya ukumkani wakwaJuda unyana kaYowashe, ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe. Ke uYehowashe wamsa eJerusalem, wafika waludiliza udonga lweJerusalem, ukusukela kwiSango lakwaEfrayim ukuya kwiSango leKona, umgama okwisithuba seemitha ezimakhulu mabini.

2 Yeziganeko 25