1. UAmaziya waba ngukumkani eneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anethoba. Unina yayinguYowadan intombi yaseJerusalem.
2. Yena wenza okulungileyo emehlweni *kaNdikhoyo, noxa wayengaphelelisanga.
3. Akuziqonda ukuba uzinzile embusweni wawabulala amaphakathi awayebulele uyise.
4. Kambe ke zange ababulale oonyana bawo, koko wenza njengoko kubhaliweyo emthethweni kwincwadi kaMosis, apho uNdikhoyo ayalela ngokuthi: “Ooyise abayi kubulawa ngenxa yabantwana, kanti nabantwana abayi kubulawa ngenxa yooyise, koko ulowo nalowo uya kufela izono zakhe.”