5. Wamisela abagwebi kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaJuda.
6. Wathi kubo: “Zigqaleni ngenyameko izinto enizenzayo. Kaloku ezo zigqibo nizenzayo anizenzeli abantu, koko nizenza egameni likaNdikhoyo. Yena ke uhlala enani nanini na nisiwisa isigwebo.
7. Ngoko ke mhloneleni uNdikhoyo. Ze nigwebe ngenyameko, kuba yena uNdikhoyo uThixo wethu akayenzi into engekho mthethweni; akanagobe, yaye ke akanyobeki.”
8. NaseJerusalem ke uYoshafati wamisela abanye abaLevi nababingeleli neentloko zezindlu zakwaSirayeli, ukuze baphuhlise umthetho kaNdikhoyo, balamle iimbambano. Ke babehlala eJerusalem.
9. Wabayalela ngolu hlobo: “Sebenzani ngentembeko nangomxhelo wenu wonke, nimhlonela uNdikhoyo.