2 Yeziganeko 17:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. UYoshafati waya esomelela ngokomelela. Wakha iinqaba nezixeko ezingoovimba kwaJuda,

13. kananjalo umphako omninzi ewugcina kwiidolophu zakwaJuda. Wayenawo namajoni anamava, ewagcina eJerusalem.

14. Nalu uludwe lwawo ngokwemilibo:KwaJuda: iingqwayi-ngqwayi zamabutho:uAdena ingqwayi-ngqwayi eyayinamajoni angamakhulu amathathu amawaka;

15. kulandele uYohanan ingqwayi-ngqwayi eyayinamajoni angamawaka angamakhulu amabini anamashumi asibhozo;

16. kuze uAmasiya unyana kaZikri owazinikezela ngokwakhe ukusebenzela uNdikhoyo enamajoni angamawaka angamakhulu amabini.

2 Yeziganeko 17