2 Yeziganeko 16:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku kwathi kunyaka wamashumi amathathu anantandathu wolawulo luka-Asa kwanyuka uBhayesha ukumkani wakwaSirayeli, weza kuhlasela uJuda, wafika wayingqinga iRama, wavala akwabi nakungena nakuphuma mntu kummandla ka-Asa ukumkani wakwaJuda.

2. Ke uAsa wayithatha isiliva negolide eyayikoovimba bendlu *kaNdikhoyo nakwabo bebhotwe lakhe, waza wayithumela kuBhenadadi ukumkani wama-Aram owayelawula eDamasko.

3. Wathi kuye: “Makubekho umnqophiso phakathi kwam nawe, nanjengokuba wawukhona phakathi kukabawo noyihlo. Nâso isipho endikunika sona: igolide nesiliva. Wuqhawule ke umnqophiso ophakathi kwakho noBhayesha ukumkani wakwaSirayeli, khon' ukuze andiyeke.”

4. UBhenadadi ke wavumelana nokumkani uAsa, waza wathumela iingqwayi-ngqwayi zomkhosi wakhe, zaya kuhlasela iidolophu zakwaSirayeli, bayoyisa i-Iyon, nesixeko sakwaDan, neAbhele-mayim, nazo zonke izixeko ezingoovimba zakwaNafetali.

5. Akuyiva le nto uBhayesha wayeka ukwakha engqinga iRama, wawushiya loo msebenzi.

6. Ke ukumkani uAsa weza nawo onke amadoda akwaJuda, baza bawafudusa eRama amatye kunye nemithi eyayisetyenziswa khona nguBhayesha. Ngezo zinto ke wakha iGebha neMizpa.

2 Yeziganeko 16