2 Kwabasekorinte 6:15-18 Ibhayibhile (XHO96)

15. Unabudlelane buni uKrestu nomtyholi? Linabudlelane buni ikholwa nomntu ongakholwayo?

16. Inabudlelane buni na indlu kaThixo nezithixo zeentlanga? Kaloku thina siyindlu kaThixo ophilayo! Kutsho uThixo ngokwakhe ukuthi:“Ndiya kulenza kubantu bam ikhaya lam,ndihlale phakathi kwabo,ndibe nguThixo wabo,babe ngabantu bam ke bona.”

17. Ngokunjalo iNkosi ithi:“ ‘Phumani phakathi kwabo,nahlukane nabo.Musani ukuyichukumisa into engcolileyo.Mna ndiya kunamkela.

18. Ndoba nguyihlo,nina nibe ngoonyana neentombi zam,’itsho iNkosi uSomandla.”

2 Kwabasekorinte 6