1. Ngoko ke uThixo ngenceba yakhe usinike ubizo lokumsebenzela; yiyo loo nto ke singethi mandla.
2. Ngapha koko sisuka siyilahle imikhwa elihlazo, sibutyeshele ubuqhetseba, nelizwi likaThixo singaligqwethi. Koko sisuka siziyaleze ngokuthetha inyaniso, singafihlisi, kumntu wonke onesazela. Senjenjalo ke phambi koThixo.
3. Kaloku ukuba iindaba ezimnandi esizishumayelayo azicacanga, koba azicacanga kuphela kwabo baya kwantshabalalo.