16. Kamva ke ndoba nako ukuzishumayela iindaba ezimnandi kumazwe angaphaya kwenu, ukuze ndingaqhayisi ngomsebenzi osewenziwe kwimida yomnye umntu.
17. Kodwa ke, njengoko zitshoyo *iziBhalo: “Nabani na othanda ukuqhayisa, makaqhayise ngento eyenziwe yiNkosi.”
18. Kaloku umntu owamkelekileyo ngulowo unconywa yiNkosi, ingenguye ozincoma ngokwakhe.