1. Kubhala mna Pawulos – *endingumthunywa kaKrestu Yesu, ngokuthanda kukaThixo – kunye noTimoti uwethu. Sibhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, nemilowo yakhe yonke kwelaseAkaya, sisithi:
2. Wanga uThixo uBawo wethu, kunye neNkosi uYesu, anganenzela isisa, aniphe uxolo.
3. Makabongwe uThixo, uyise weNkosi yethu uYesu Krestu, uBawo uSozinceba, uThixo umthombo wentuthuzelo.
4. Yena uyasithuthuzela ezimbandezelweni zethu zonke, ukuze nathi sikwazi ukubathuthuzela abanye kwangaloo ntuthuzelo ivela kuye.
5. Njengoko ziphuphumela kuthi iimbandezelo zikaKrestu, ngokunjalo ke, kwangaye uKrestu, iphuphumela kuni nentuthuzelo yethu.
21-22. NguThixo osizimasileyo thina nani ngokusimanya noKrestu. Ewe, nguThixo ngokwakhe osiphawuleyo wasithambisa ngoMoya oyiNgcwele ohleli kuthi osisiqinisekiso sezinto ezizayo.