1. Indoda enkulu ibhalela udade onyuliweyo kunye nabantwana bakhe. Ndinithanda ngenene, phofu ke asindim ndedwa koko bonke abayaziyo inyaniso bayanithanda.
2. Kaloku inyaniso ihlala kuthi, ibe ke siya kuhlala sinayo nanini na!
3. Isisa, inceba, noxolo mazihlale kuthi ngenyaniso nothando. Kaloku zona siziphiwa nguThixo uBawo wethu, noYesu Krestu uNyana kaThixo uYise.
4. Ndibe nochulumacho ukufumanisa ukuba abanye kubantwana bakho bahleli enyanisweni, kanye njengoko sayalelwayo nguBawo.
5. Ndiyakucela, dade othandekayo, andikuniki myalelo mtsha, koko ndikukhumbuza ngalowo sawunikwayo kwasekuqaleni – ewe, nditsho lo uthi masithandane.