2 Kasamweli 6:21-23 Ibhayibhile (XHO96)

21. UDavide waphendula wathi kuMikali: “Mna into ebendiyenza bendidumisa uNdikhoyo ngokuya bendixhentsa, lo ndityunjwe nguye ukuba ndikhokele amaSirayeli endaweni kayihlo kunye nendlu yakhe. Ndiya kumdumisa uNdikhoyo,

22. yaye ndizimisele ukuqhubela phambili ukuba ngothobekileyo. Ungandidela wena, kodwa zona ezaa zicakazana zamantombazana zindihloniphile.”

23. Intombi kaSawule uMikali ayizange ibe nanzala de kwayimini yokufa kwayo.

2 Kasamweli 6