28. Ungumsindisi wabathobekileyo,obabone benekratshi ubathobe.
29. Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;nguwe ondigxothela ubumnyama.
30. Ewe, ngawe ndingawuchitha-chitha nomkhosi,ngamandla akho ndilutsibe nongqameko lwawo.
31. Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.
32. NguNdikhoyo yedwa uThixo;nguye kuphela osikhuselayo;
33. ewe, nguThixo oyinqaba yam;nguye oyenza iphumelele indlela yam.
34. Undicondobisa kuhle njengenxala,andichankcathise emaweni ndingatyibiliki.