2 Kasamweli 22:17-30 Ibhayibhile (XHO96)

17. Wehla, wandithi hlasi uNdikhoyo,wandihlangula kumanzi enzonzobila.

18. Wandihlangula kwiintshaba zamnakwabo bandichasayo, bendivuyelela.

19. Bandihlasela ndisengxingweni,wandikhusela yena uNdikhoyo.

20. Wandihlangula ndisengozini,wandisindisa kuba ekholisekile ndim.

21. Wandivuza uNdikhoyo kuba ndandilungisa;wandithamsanqela kuba ndimsulwa.

22. Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela;andimfulathelanga uThixo wam.

23. Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;andayaphula imithetho yakhe.

24. Uyandazi ukuba andonanga;ndiyazilumla ekwenzeni ububi.

25. Ngoko ke uyandivuza kuba ndisenza okulungileyo;uyandivuza kuba akukho sikhwa kum.

26. Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.

27. Umsulwa kwabo bamsulwa;uchasene nabo bangamatshijolo.

28. Ungumsindisi wabathobekileyo,obabone benekratshi ubathobe.

29. Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;nguwe ondigxothela ubumnyama.

30. Ewe, ngawe ndingawuchitha-chitha nomkhosi,ngamandla akho ndilutsibe nongqameko lwawo.

2 Kasamweli 22