1. UDavide wabhekisa lo mhobe *kuNdikhoyo mhla wamkhulula kwiintshaba zakhe nasesandleni sikaSawule.
2. Wathi:NguNdikhoyo iliwa lam;nguye inqaba yam;nguye umkhuseli wam.
3. Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.Nguye ikhaka lam;nguye ondigcina ndifihlakele.Nguye inqaba yam ephakamileyo;nguye isikhundla sam sokuzimela.Mhlanguli wam, nguwe ondisindisayo kumadoda anogonyamelo.
4. Ndithi ndakukhala kuNdikhoyo,asuke andithi hlasi kwiintshaba zam.Ngenene, makabongwe uNdikhoyo!
5. Bendintlithwa ngamaza abulalayo,amaza arhaxayo endigubungele.