32. Wayesele eyinkonde emashumi asibhozo ubudala. Wayesisityebi, esoloko emondla ukumkani ngokuya wayeseMahanayim.
33. Ukumkani wathi kuBhazilayi: “Masiye eJerusalem, wondliwe ndim wena ngoku.”
34. Uthe uBhazilayi: “Mhlekazi, seyimbalwa imihla yokudla kwam ubomi; ndiza kuba sahambela ntoni ukuya nokumkani eJerusalem?
35. Sendimashumi asibhozo ubudala; akusekho nto imnandi nembi kum. Ukutya nento eselwayo azisenancasa kum; andisawuva nomculo weemvumi neemvumikazi. Ndingasuka ndibe ngumthwalo kuwe ngoku, mhlekazi, nkosi yam.