2 Kasamweli 18:26-31 Ibhayibhile (XHO96)

26. Ubuye wabona esinye isigidimi loo mlindi, wabhekisa kumgcini-masango wathi: “Nantso nenye indoda isiza ibaleka iyodwa.”Uthe ukumkani: “Nalowo usekwaza neendaba ezimnandi.”

27. Uthe umlindi: “Ukubaleka kwakhe lo ungaphambili ngathi nguAhimazi unyana kaZadoki.”Ukumkani wathi: “Kowu, lilunga lomfo elo; usiphathele iindaba zovuyo.”

28. UAhimazi wabhekisa kukumkani wathi: “Izinto zihamba kakuhle!” Wafika wakhahlela ejongise ubuso emhlabeni, wathi, “Mbonge uNdikhoyo uThixo wakho! Uboyisile abo bebeyivukela inkosi yam ukumkani!”

29. Ukumkani wathi: “Ngaba usindile umfana uAbhasalom?”Uphendule wathi uAhimazi: “Mhlekazi, ngokuya bendithunywa nguJowabhi iphakathi lakho, ndibone kukho isiphithi-phithi, phofu andingetsho ukuba bekutheni na.”

30. Ukumkani wathi: “Khawume bucala ulinde.” Wahamba ke, waya kuma bucala.

31. Ke kaloku wafika umKushe, wathi kukumkani: “Ndize neendaba zovuyo, mhlekazi, nkosi yam! Namhlanje uNdikhoyo ukugwebele waboyisa bonke abo bebekuvukela.”

2 Kasamweli 18