2 Kasamweli 12:20-24 Ibhayibhile (XHO96)

20. Wavuka ke emhlabeni uDavide, wahlamba. Wathambisa, wanxiba ezinye izambatho, waya kungena endlwini kaNdikhoyo, wanqula. Usuke apho waya endlwini yakhe, wafika wacela into etyiwayo, watya akuba elungiselelwe.

21. Izicaka zakhe zathi: “Mhlekazi, noko ke le uyenzayo asisayiqondi. Ube uzilile, ulila, uyenza loo nto usana lungekabhubhi. Ngoku luswelekileyo usana uyavuka utye nokutya!”

22. Uphendule wathi: “Ewe, bendizila, ndilila ngokuya belusahleli usana, kuba bendisithi: ‘Ngubani owaziyo? Mhlawumbi uNdikhoyo angandenzela inceba, luphile olo sana.’

23. Ngoku ke usana lubhubhile; ke ndiza kuba sazilela ntoni ndingenakuluvusa nje? Ndim oza kuya apho lukhoyo; lona alunakuze luze kum.”

24. Emva koko uDavide waya kuthuthuzela umkakhe uBhashebha, walala naye. Wazala umntwana oyinkwenkwe, wathi igama lakhe nguSolomon. Wayithanda loo nkwenkwana *uNdikhoyo,

2 Kasamweli 12