2 Kasamweli 1:6-10 Ibhayibhile (XHO96)

6. Umfana lowo waphendula wathi: “Kwathi ndilapho entabeni iGilibhowa ndabona ukuba uSawule wayexhathise ngomkhonto, seleza kufunyanwa ziinqwelo nabakhweli-mahashe abamsukelayo.

7. Wathi akukhangela ngasemva wandibona, wandibiza, nam ke ndasabela ndathi: ‘Ndikwenzele ntoni?’

8. Wathi kum: ‘Ungubani?’ Ndathi kuye: ‘NdingumAmaleki.’

9. Uthe kum ke: ‘Sondela undigqibezele. Ubomi bam sebungamacimi-cimi, kodwa andikaphelelwa.’

10. Ndaya ke, ndafika ndamgwaza, kuba ndandiqonda mhlophe ukuba akasokube angafi, ukuba ukhe wawa nje. Emva koko ndamothula esi sithsaba awayesithwele, ndamkhulula nesi sacholo engalweni. Nazi ke, mhlekazi; ndizizisile kuwe!”

2 Kasamweli 1