1. Ke kaloku uSolomon wathi akuba egqibile ukwakha indlu *kaNdikhoyo kunye nebhotwe lakhe nako konke oko wafikelela kuko ngokweenjongo zakhe,
2. uNdikhoyo wabonakala kuye okwesibini, kanye kwangalaa ndlela wayebonakele ngayo kuye eGibheyon.
3. UNdikhoyo wathetha naye wathi:“Ndiwuvile umthandazo nezikhungo ozenzileyo kum. Le ndlu uyakhele ukuhlala igama lam ndiyingcwalisile. Amehlo am ohlala kuyo, intliziyo yam ingaze yahlukane nayo.