1 Yookumkani 8:47-52 Ibhayibhile (XHO96)

47. xa bathe baguquka bazisola kwelo lizwe bathinjelwe kulo, ewe, xa beguquka bezibika kuwe belapho kwelo lizwe labeyisi babo, besithi: ‘Ewe, sonile, senze ububi nenkohlakalo,’

48. xa babuyela kuwe ngomxhelo wabo wonke nentliziyo yabo iphela bekwelo lizwe leentshaba ezibathimbileyo, bethandaza bebhekisa kweli lizwe walinika ooyise, kwesi sixeko wasinyulayo, nakule ndlu ndiyakhele igama lakho,

49. yithi ke wena usekhayeni lakho ezulwini, uwuve umthandazo wabo nesikhungo sabo, ubagwebele.

50. Ewe kaloku, uze ubaxolele abantu bakho abakonileyo, uzixolele zonke iziphoso zabo ngakuwe, wenze ukuba abo babathimbileyo babe nenceba kubo.

51. Kaloku aba bantu ngabakho ncakasana, balilifa lakho owalikhuphulula eJiputa kwelo ziko lokunyibilikisa isinyithi.

52. “Ngamana waneliso ekuzibikeni kwesicaka sakho nakuzo izikhungo zabantu bakho amaSirayeli; ewe, akwaba ungabaphulaphula nanini na bezibika kuwe.

1 Yookumkani 8