26. Ububanzi balo babulingana nesandla, umphetho walo ufana nekomityi, kanye oku kwenyibiba edubuleyo. Lalingena iilitha ezingamawaka angamashumi amane.
27. Kananjalo uHuram wenza neshumi leenqwelo zobhedu, nganye kuzo iyimitha eneekota ezintathu ubude, bukwangako nobubanzi, ukuphakama kuyimitha enekota.
28. Ezi nqwelo zazenziwe ngolu hlobo: zazinamanqwanqwa anxityelelaniswe nezibonda.
29. Kuloo manqwanqwa phakathi kwezibonda kwakukho iingonyama, iinkunzi zeenkomo, *nezithunywa ezimaphiko. Ngaphezulu nangaphantsi kweengonyama nezo nkunzi zeenkomo kwakujinga izidanga ezixonxiweyo.
30. Inqwelo nganye yayinamavili amane obhedu, ikwaneasi yobhedu. Kwakukho isitya esixhaswe ngezibonda ezine. Ezo zibonda zazihonjiswe ngezidanga macala.