1 Yookumkani 3:22-24 Ibhayibhile (XHO96)

22. Omnye lo ke umfazi wathi: “Hayi bo! Lo mntwana uphilayo ngowam; owakho ngulo ufileyo.”Lo wokuqala ke umfazi wathi: “Unotshe! Owakho ngulo ufileyo; ngowam lo uphilayo!” Yaba yiloo mpikiswano ke apho phambi kokumkani.

23. Ukumkani ke wathi: “Oo! Lo uthi: ‘Ngunyana wam lo uphilayo, ngunyana wakho lo ufileyo;’ abe omnye esithi: ‘Hayi khona, ngunyana wakho lo ufileyo, owam ngulo uphilayo!’ ”

24. Suka ke ukumkani wathi: “Ndiziseleni ikrele.” Walinikwa ke ukumkani ikrele elo.

1 Yookumkani 3