1 Yookumkani 22:50-53 Ibhayibhile (XHO96)

50. Ke uYoshafati waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide ukhokho wakhe. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uYoram.

51. Ke kaloku uAhaziya unyana ka-Ahabhi waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya kunyaka weshumi elinesixhenxe uYoshafati engukumkani wakwaJuda, waza ke walawula kwaSirayeli iminyaka emibini.

52. Wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kuba wasuka wahamba ekhondweni likayise nonina, nasezindleleni zikaJerobhowam unyana kaNebhati owalukuhlela uSirayeli esonweni.

53. Wakhonza uBhali, equbuda kuye, wawuxhokonxa umsindo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli kwanjengokuba wenzayo noyise.

1 Yookumkani 22