20. Bathe ke besahleli etafileni, ilizwi likaNdikhoyo lafikela loo nkonde yomshumayeli, le yajika umfo wakwaThixo.
21. Yaza ke yadanduluka, ibhekisa apho kuloo mfo wakwaThixo wayevela kwaJuda, yathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ulicekisile ilizwi likaNdikhoyo, awawukhathalela umyalelo owunikwe nguNdikhoyo uThixo wakho.
22. Ujikile wafika watya wasela kanye kule ndawo ubuyalelwe ukuba ungatyi ungaseli kuyo. Ngoko ke isidumbu sakho asiyi kungcwatywa kumafihlo ooyihlo.’ ”
23. Uthe ke akugqiba ukutya nokusela umfo wakwaThixo lowo, inkonde yomshumayeli leya ibimjikile isuke yambophela idonki yakhe.
24. Uthe ke esahamba, kwee gqi ingonyama apho endleleni, yamqwenga yambulala. Waza ke umzimba wakhe wee gangalala apho endleleni, idonki nengonyama zona zingxange phezu kwakhe.